Zimnkil’ Inkomo Zobawo, nditsho imihlambi
Imihlaba yabaliphupha kuthi thina banini bayo,
Kumthi wobuntu ebesisakuba yintlaka kuwo
Sohlukaniswa ngondleb’ ezikhanyilanga sabazintlanga,
Izinto apha ukuxhawulana ziyakrwinana, siyaxhwithana ma Afrika
‘de kwisitiya sobumnyama saba zintanga ezidubula ukunabel’ uqaqaqa,
Kulengxuba ka xaka, kungoko sihlale sikhomabana, sithyolana oku kwamaqaqa
Zimnkile Inkomo Zobawo
Zimnkil’ Inkomo Zobawo
Nkululeko ndini
Wena kaloku ubulithemba kuthi zimpula zikalujaca, odingindawo;
Thembalethu, iphi na imihlambi nemihlaba yobawo.
Zimnkil’ Inkomo Zobawo
Zimnkil’ Inkomo Zobawo,
Kunkongo nje size elubala,
Yindlala salahlekelwa nazizimilo imbala,
Sakekelela kubugwengxa ok’ kononkala
Sileqeka ukuzintywilisela kwichibi lotywala
Ma Afrika, xakunje kuyini na ukukhala
Xakonakele kunje ma Afrika kuyini na ukukhala.
Ma Afrika
sizenzile nje mz’ ontsundu, malityiwe ke ilahle
siphum’ uphulo kwindlela esingisel’ embo
kubuntu bethu magwala,
kuba akunced’ ukukhala, sihlale sikhombana, sithyolana
zimnkile Inkomo Zobawo
Umbali. Bongolwethu Immanuel Flepu
The post Inkomo Zobawo appeared first on LitNet.